47 UYesu esathandaza, kwathi gqi indimbane, ikhokelwa nguJudas, ongomnye wabafundi abalishumi elinambini. Yena wasondela kuYesu ukuba amange.
48 Waza uYesu wathi kuye: “Judas, umngcatsha ngokumanga na *uNyana woLuntu?”
49 Abo babemngqongile uYesu, bakukubona okuza kwenzeka, bathi kuye: “Nkosi, sibaxabele na ngekrele?”
50 Omnye kubo waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe yokunene.
51 Waza ke uYesu wathi: “Yekani; kwanele!” Wayichukumisa indlebe yesicaka eso, yaphila.
52 Ke uYesu wathi kumadoda amakhulu nababingeleli abaziintloko, nabagcini *bendlu kaThixo, ababeze kumbamba: “Nindiphathele amakrele neentonga, ngathi nize esihangeni?
53 Bendinani imihla ngemihla endlwini kaThixo, anandibamba. Eli lithuba lenu, kuba kulawula igunya lobumnyama ngoku.”