49 Abo babemngqongile uYesu, bakukubona okuza kwenzeka, bathi kuye: “Nkosi, sibaxabele na ngekrele?”
50 Omnye kubo waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe yokunene.
51 Waza ke uYesu wathi: “Yekani; kwanele!” Wayichukumisa indlebe yesicaka eso, yaphila.
52 Ke uYesu wathi kumadoda amakhulu nababingeleli abaziintloko, nabagcini *bendlu kaThixo, ababeze kumbamba: “Nindiphathele amakrele neentonga, ngathi nize esihangeni?
53 Bendinani imihla ngemihla endlwini kaThixo, anandibamba. Eli lithuba lenu, kuba kulawula igunya lobumnyama ngoku.”
54 Bembambile uYesu, bamqhuba bamsa endlwini yombingeleli omkhulu. UPetros wayelandela ekude.
55 Kwakubaswe umlilo eyadini, kusothiwa, noPetros ke waya kotha kunye nabo.