6 waza wavuma, waba soloko ezungula ukufumana ithuba lokumbambisa kungekho sihlwele.
7 Wafika ke loo mhla wesidlo sezonka ezingenagwele ekwakumele ukuxhelwa ngawo ixhwane *lePasika.
8 UYesu ke wathuma uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye kusilungiselela iPasika.”
9 Baza bathi kuye: “Ufuna ukuba siyilungiselele phi na?”
10 Wathi kubo: “Khangelani, nakungena esixekweni, nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Ze nimlandele, niye kuloo ndlu angena kuyo;
11 nize nithi kumnini-mzi: ‘Úthi uMfundisi: Liphi na igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’
12 Yena wonibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinempahla yalo. Lungisani apho ke.”