24 Wasuka uPilato wagweba ngelithi masenziwe isicelo sabo.
25 Wabakhululela lowo babemcela, owayethe ngenxa yesiphithi-phithi nokubulala waphoswa entolongweni. Ke yena uYesu wanikelwa ukuba kwenziwe kuye ngokwesicelo sabo.
26 Kwemkiwa ke noYesu, aza amajoni athi xhakamfu Simon uthile waseKirene, owayevela emaphandleni, awubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
27 Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela.
28 Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu;
29 kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’
30 Ngelo xesha baya kuthi ezintabeni: ‘Siweleni, nisifihle!’ ezindulini bathi: ‘Sigqumeleleni!’