27 Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela.
28 Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu;
29 kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’
30 Ngelo xesha baya kuthi ezintabeni: ‘Siweleni, nisifihle!’ ezindulini bathi: ‘Sigqumeleleni!’
31 Xa utsha kangaka umthi oluhlaza, kobeka phi ke kowomileyo?”
32 Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu.
33 Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.