32 Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu.
33 Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.
34 UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.
35 Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.”
36 Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye,
37 esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”
38 Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”