37 esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”
38 Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”
39 Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”
40 Sasikhalimela esinye, sisithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwawiselwe esi sigwebo nje?
41 Esi sigwebo okunene sisifanele thina, kuba sivuzwa ngezenzo zethu; kodwa yena lo akenzanga nto imbi.”
42 Saza sathi kuYesu: “Uzundikhumbule, Yesu, xa uthe weza kulawula.”
43 UYesu wathi kuso: “Ndithi kuwe, inene, kwanamhlanje uya kuba nam emyezweni wakwaThixo.”