39 Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”
40 Sasikhalimela esinye, sisithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwawiselwe esi sigwebo nje?
41 Esi sigwebo okunene sisifanele thina, kuba sivuzwa ngezenzo zethu; kodwa yena lo akenzanga nto imbi.”
42 Saza sathi kuYesu: “Uzundikhumbule, Yesu, xa uthe weza kulawula.”
43 UYesu wathi kuso: “Ndithi kuwe, inene, kwanamhlanje uya kuba nam emyezweni wakwaThixo.”
44 Ke kaloku kwakumalunga nentsimbi yeshumi elinambini emini, laza lasuka latshona emini ilanga, kwaba mnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.
45 Ikhuselo legumbi eliyingcwele *yendlu kaThixo lakrazuka kubini.