22 Kanti abafazi abathile beqela lethu, abathe baya engcwabeni kwakusasa, basothusile,
23 kuba bengawufumani umzimba wakhe, babuye besithi babone umbono wezithunywa ezithi uyaphila.
24 Basuka nabanye bethu, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi. Ke yena abambonanga.”
25 Waza uYesu wathi kubo: “Ninje na kanti ukungaqondi! Nithatha kade kangaka na ukukholwa kuko konke abâkuthetháyo *abashumayeli!
26 *UKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze anyuselwe ewongeni?”
27 Wabachazela kuzo zonke *iziBhalo iindawo ezithetha ngaye, eqalela kwiincwadi zikaMosis, waya kutsho kuzo zonke ezabashumayeli bamandulo.
28 Basondela ke kuloo dolophana babesiya kuyo, wanga uYesu uyagqitha;