33 Besuka kwangelo lixa, babuyela eJerusalem, babafumana abafundi abalishumi elinanye behlanganisene ndawonye kunye nâbo babenabo,
34 besithi: “Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.”
35 Bakubalisa ke okwenzeke endleleni, nokutyhileka kweNkosi kubo xa yayiqhekeza isonka.
36 Ke kaloku, besazithetha ezi zinto, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, [wathi kubo: “Uxolo malube nani.”]
37 Basuka bankwantya, baba babona into engengomntu ncam.
38 Wathi kubo: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo?
39 Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [