37 Basuka bankwantya, baba babona into engengomntu ncam.
38 Wathi kubo: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo?
39 Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [
40 Etshilo wababonisa izandla neenyawo zakhe.]
41 Ke kaloku, bâthi bengekakholwa, bemangalisiwe bevuya, wathi kubo: “Ninanto ityiwayo na apha?”
42 Bamnika intwana yentlanzi eyojiweyo,
43 wayithatha, wayitya bejongile.