41 Ke kaloku, bâthi bengekakholwa, bemangalisiwe bevuya, wathi kubo: “Ninanto ityiwayo na apha?”
42 Bamnika intwana yentlanzi eyojiweyo,
43 wayithatha, wayitya bejongile.
44 UYesu ke wathi kubo: “Zizo ezi izinto endazithethayo kuni ndisenani, ndisithi zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam *emthethweni kaMosis, nasezincwadini *zabashumayeli, nasezindumisweni.”
45 Waza ke wazikhanyisela iingqondo zabo, ukuze baziqonde *iziBhalo;
46 wathi kubo: “Kubhalwe kwathiwa *uKrestu umelwe kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu.
47 Kukwabhalwe kusithiwa zothi egameni lakhe zivakaliswe kuzo zonke iintlanga iindaba zenguquko noxolelo lwezono, kuqalelwa eJerusalem.