8 Ke ngoko yenzani izinto ezibonakalisa inguquko. Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako ngawo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
9 Kanti ke lona izembe selikulungele ukuyinqumla ezingcanjini imithi. Ngoko ke wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa utshiswe.”
10 Izihlwele zazimbuza zisithi: “Masithini ke ngoko?”
11 Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.”
12 Abaqokeleli-rhafu beza kubhaptizwa, bathi kuye: “Mfundisi, masithini na?”
13 Wathi kubo: “Ningabizi ngaphezu kwenikumiselweyo.”
14 Namajoni ayebuza kuye esithi: “Masithini thina?”Wathi kuwo: “Ningaphangi mntu ngogonyamelo okanye ngobuxoki. Yanelani yimivuzo yenu.”