1 UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya
2 iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
3 Ke umtyholi wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho eli litye libe sisonka.”
4 UYesu wamphendula esithi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa.’”