27 “Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo.
28 Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
29 Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye. Okohlutha isivatho sakho sangaphezulu, ungamaleli nesangaphantsi.
30 Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.
31 Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo.
32 “Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo!
33 Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!