30 Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.
31 Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo.
32 “Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo!
33 Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!
34 Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane.
35 Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo.
36 Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”