1 Akuba uYesu egqibile ukuwathetha la mazwi ephulaphulwe ngabantu, waya kungena eKapernahum.
2 Ke apho kwakukho mphathi-butho uthile wamajoni osicaka sakhe asithandayo sasigulela ukufa.
3 Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe.
4 Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu,
5 kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.”
6 UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam.