14 Yasondela iNkosi, yawachukumisa amanqwanqwa ababemthwele ngawo umfi, baza bema ababemthwele. Yathi: “Mfanandini, vuka!”
15 Wavuka wathi qwa umfi lowo, waza wathetha. INkosi ke yamnikela kunina.
16 Bonke ke bangenwa luloyiko, bamdumisa uThixo, besithi: “Kuvele *umshumayeli omkhulu phakathi kwethu;” batsho besithi: “UThixo ubavelele abantu bakhe.”
17 Ke ezi ndaba zingaye uYesu zavakala kulo lonke elakwaJuda, nakuwo wonke loo mmandla.
18 Abafundi bakaYohane bambalisela zonke ezi zinto. UYohane ke, ebize babini kubafundi bakhe,
19 wabathuma ukuba babuze kwiNkosi bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”
20 Efikile ke kuYesu, amadoda lawo athi: “UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi: ‘Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?’ ”