37 Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.
38 Waya kuma ngasemva koYesu, ngasezinyaweni zakhe, elila; waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazanga iinyawo zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo.
39 Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.”
40 Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!”Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.”
41 Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu.
42 Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”
43 Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”Wathi kuye: “Uchane ucwethe!”