40 Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!”Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.”
41 Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu.
42 Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”
43 Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”Wathi kuye: “Uchane ucwethe!”
44 Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe.
45 Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam.
46 Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.