42 Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”
43 Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”Wathi kuye: “Uchane ucwethe!”
44 Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe.
45 Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam.
46 Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.
47 Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”
48 UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.”