47 Uthe ke umfazi lowo, ebona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, waxela phambi kwabo bonke abantu ukuba umchukumisele ntoni na, ekuxela nokuphiliswa kwakhe ngesikhawu.
48 UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!”
49 Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.”
50 Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”
51 UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo.
52 Babelila bonke, besenza isijwili; waza wathi: “Sanukulila! Ayifanga; ilele nje le ntombazana.”
53 Basuka bamwa ngentsini, besazi ukuba ibhubhile.