32 Ke kaloku uPetros nâbo babenaye basindwa bubuthongo, kodwa bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bukaYesu, bewabona naloo madoda mabini ayemi naye.
33 Ke akwahlukana noYesu la madoda, uPetros wathi kuye: “Ngxatsho ke ukuba sibe lapha, Mhlekazi! Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” (Watsho engayazi into ayithethayo.)
34 Kwathi ke esatsho, kwabakho ilifu elibagubungelayo. Boyika ke abafundi bakungena efini ooMosis.
35 Kwabakho nelizwi liphuma efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.”
36 Lakutsho ke elo lizwi, uYesu bambona seleyedwa. Abafundi bazigcina ezo zinto babezibonile, àbaxelela mntu ngazo ngaloo mihla.
37 Ke kaloku ngomhla olandelayo, xa babehlile entabeni, uYesu wahlangatyezwa sisihlwele.
38 Kwavela indoda esihlweleni apho, ikhwaza isithi: “Mfundisi, ndiyakubongoza, khawundincede ngonyana wam okuphela kwakhe.