1 Kwincwadi yam yokuqala, Tiyofilo, ndabhala ndibalisa ngazo zonke izinto uYesu awasungula ngazo ukwenza nokufundisa,
2 kude kuye kuthi gaa ngaloo mhla wanyuselwa ngawo ezulwini nguThixo. Ngaphambi kokuba anyuswe uYesu, wathi ngoMoya oyiNgcwele wawayala loo madoda awawanyulayo ukuba abe *ngabathunywa.
3 Emva kokubandezelwa nokufa kwakhe wazibonakalisa kuloo madoda ngeziganeko ezininzi ukuba uvukile. Kwithuba leentsuku ezingamashumi amane abathunywa babemana bembona, ethetha nabo ebaxelela ngezolawulo lukaThixo.
4 Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso.
5 Kaloku uYohane yena wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina, kungekudala, uThixo uza kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”
6 Xa babendawonye, abathunywa bambuza uYesu besithi: “Nkosi, ngaba uza kulubuyisela kwangoku na ulawulo kumaSirayeli?”
7 UYesu uphendule wathi: “Asiyondawo yenu ukuwazi amathuba namaxesha uBawo agqiba yedwa ngawo.