20 Kodwa abanye bamakholwa, amadoda aphuma eSipro naseKirene, aya eAntiyokwe, aluvakalisa udaba nakwiintlanga ezintetho isisiGrike, ezishumayeza iindaba ezimnandi ezingeNkosi uYesu.
21 Amandla eNkosi ayewafukamele loo madoda, laza iqela elikhulu labantu lazinikela eNkosini.
22 Le nto yenzekileyo ngabo yaya kuvakala nakwibandla laseJerusalem, laza lathumela uBharnabha eAntiyokwe.
23 Akuba efikile khona, wabubona ububele bukaThixo ebantwini; waza wavuya wabalúleka bonke ukuba bathembeke, banyaniseke eNkosini ngeentliziyo zabo zonke.
24 UBharnabha wayeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo.Abantu abaninzi bazinikela eNkosini,
25 waza ke ngoko uBharnabha waya kukhangela uSawule eTarso.
26 Akumfumana, waya naye eAntiyokwe. Yaba ngunyaka wonke aba babini behlala phakathi kwebandla elo, baza baqeqesha iqela elikhulu. Kwakulapha eAntiyokwe apho abalandeli bakaYesu baqala ukubizwa ngokuba ngamaKrestu.