27 Ngelo xesha kwesuka *abashumayeli abathile eJerusalem baya eAntiyokwe.
28 Omnye wabo ogama linguAgabho, ezele nguMoya oyiNgcwele, wayixela kwangaphambili indlala eyayiza kubakho kuwo wonke umhlaba. Yona ke yafika ngexesha *likaKhesare Klawudiyo.
29 AmaKrestu agqiba ekubeni ulowo nalowo kuwo makaqwebele inkxaso yamakholwa akwelakwaJuda kangangoko anako.
30 Le nto ke bayenza, baza ke imali leyo bayithumela kubadala bebandla ngoBharnabha noSawule.