21 Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.
22 Akufika eKhesariya, wadlula waya kubulisa ibandla, waza ke waya eAntiyokwe.
23 Emva kwethuba elapho wemka, watyhutyha imimandla yaseGalati neyaseFrigi, ehamba ewomeleza onke amakholwa.
24 E-Efese kwafika umJuda, ogama linguApolo, owazalelwa eAlesandriya. Wayeliciko lokuthetha, futhi ezazi ngokucokisekileyo *iziBhalo.
25 Wayeqeqeshiwe ngeNdlela yeNkosi, ngokunjalo wayethetha ngokutshiseka ezifundisa iinyaniso ezingoYesu ngentembeko. Nangona kunjalo wayesazi ubhaptizo lukaYohane kuphela.
26 Wayethetha ngesibindi *endlwini yesikhungo. Bathi ke bakumva ooPrisila noAkwila, bammemela emzini wabo, bamcacisela kakuhle ngokuzeleyo iNdlela yeNkosi.
27 UApolo wagqiba ukuba aye kwelaseAkaya, aza amakholwa ase-Efese amkhuthaza amphathisa neleta emazisayo kumakholwa alapho. Akufika khona waba luncedo olukhulu kwabo babethe ngesisa sikaThixo baguquka,