20 Ngamandla eNkosi ilizwi leNkosi lanwenwezela, lakhula, laya lisomelela ngokomelela ngale ndlela.
21 Emva koko uPawulos wazimisela ukucanda kwelaseMakedoni nelaseAkaya, aze agqithele eJerusalem. “Ndakuba ndiyile khona, kufuneka ndiyibone neRoma,” wakha watsho.
22 Ke kaloku wathumela eMakedoni uTimoti noErasto abancedisi bakhe, lo gama athe yena wolula ukuhlala kwiphondo laseAsiya.
23 Kungeli xesha ke apho kwavumbuluka udushe e-Efese ngenxa yeNdlela yeNkosi.
24 UDemetriyo umfo owayebumba imifanekiso yendlu yesithixokazi *uArtemis ngesiliva, wayewenzela ingeniso enkulu ngolu shishino amagcisa aqeshwe nguye.
25 Wenza imbizo ke ekwabakho kuyo abaqeshwa kwakunye nabanye ababesenza umsebenzi okwanjengowakhe, wathi kubo: “Madoda, niyazi ukuba impumelelo yethu ixhomekeke kolu shishino.
26 Niyabona nizivela ngokwenu into eyenziwa yile nkewu uPawulos. Uthi *oothixo abenziwe ngabantu àbangabo konke, yaye uphumelele ekuboyiseni abantu abaninzi jikelele kule Efese, phantse wawugqiba ummandla waseAsiya uphela.