15 La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane,
16 koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi:
17 “ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo:‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu,oonyana neentombi zenu zishumayele,abafana babone imibono,amaxhego aphuphe amaphupha.
18 Ewe, nezicaka nezicakazana zamndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla,zize zishumayele.
19 Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni phezulu,nezimanga emhlabeni phantsi.Kuya kubakho igazi nomlilo nentshinyela yomsi.
20 Ilanga liya kujika libe bubumnyama,inyanga ibe bomvu njengegazi,phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu udumileyo weNkosi.
21 Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.’