9 Umfana ogama linguYutiko wayehleli efestileni, wada wozela walala, kuba uPawulos engayeki ukuthetha. Wothuleka apho kumngangatho wesithathu, waya kuwa emhlabeni, bamchola apho efile.
10 UPawulos wehla waya kuye, wafika waziphosa phezu kwakhe, wamgona, wathi: “Sanukothuka, kuba akafanga, uhleli!”
11 Waza ke uPawulos wenyuka waya egumbini eliphezulu, wafika wathatha isonka watya. UPawulos wathetha nabo kwada kwaphuma ilanga, waza ke wemka.
12 Umfana lowo bagoduka naye ephilile, nabo bethuthuzelekile.
13 Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni.
14 Wathi akudibana nathi eAso, sahamba naye saya kufika eMitilene.
15 Sasuka apho, saya kudlula malunga neKiyo ngosuku olulandelayo. Kwakhona ngemini elandelayo safika eSamo, saza ngengomso saya kufika eMileto.