27 Xa zaziza kuphela iintsuku ezisixhenxe *zentlambululo, amaJuda athile ephondo laseAsiya ambona uPawulos *esendlwini kaThixo. Avusa uqhushululu ebantwini, ambamba uPawulos,
28 akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.”
29 Babesitsho kuba babekhe bambona kaloku uTrofimo wase-Efese edolophini apho, ekunye noPawulos; ngoku ke babeba uPawulos umzise endlwini kaThixo.
30 Yaba ludushe ke kuyo yonke idolophu; basuka indulumbane bonke abantu, bambamba uPawulos, bamqweqwedisela ngaphandle kwendlu kaThixo. Kwangoko bazivala iingcango.
31 Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem.
32 Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu.
33 Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?”