31 Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem.
32 Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu.
33 Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?”
34 Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni.
35 Baya kufika naye ezitepsini, kwanyanzeleka ukuba amthwale apho amajoni, ngenxa yesiphithi-phithi sabantu.
36 Bonke babemlandela bekhwaza besithi: “Bulala!”
37 Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?”Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike?