1 UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.”
2 Akutsho, umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela ukuba uPawulos ampakazwe emlonyeni ngabo babekufuphi naye.
3 Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!”
4 Amadoda awayekufuphi noPawulos athi kuye: “Ngumbingeleli omkhulu kaThixo lo umthukayo!”