23 Ingqwayi-ngqwayi ithe yabiza abaphathi-mabutho bayo ababini, yathi kubo: “Lungiselelani ukuya eKhesariya ngokuhlwanje ngentsimbi yethoba. Ze nihambe namakhulu amabini amajoni kunye namashumi asixhenxe amajoni akhwele amahashe, kwakunye namakhulu amabini amajoni aphatha iintshuntshe.
24 Nithathe namahashe okukhwela, uPawulos nimse kuFelekis irhuluneli engenzakalanga.”
25 Ingqwayi-ngqwayi yabhala ileta, yenjenje:
26 “UKlawudiyo Lisiya ubulisa ohloniphekileyo uFelekis irhuluneli.
27 Le ndoda âyibamba amaJuda eza kuyibulala. Ndivile ukuba ingummi ongumRoma, ndaya kuyihlangula ngamajoni.
28 Ndithe ke ngokufuna ukuqonda isityholo abayibeka sona, ndayisa *eBhungeni lawo.
29 Apho ke kuye kwacaca ukuba ayenzanga tyala lokuba ingagwetyelwa ukufa, nokuba mayivalelwe entolongweni. Isityholo ebekwa sona siphathelele kwimpikiswano ngomthetho wabo.