1 Akuba ntsuku-ntathu efikile kwelo phondo uFesto, wesuka eKhesariya, wahambela eJerusalem.
2 Ababingeleli abaziintloko nabakhokeli bamaJuda, bezisa izityholo kuye ngoPawulos. Bamcenga uFesto
3 ukuba ancede amse eJerusalem uPawulos, kuba babefuna ukumlalela endleleni, bamgwinte.
4 Wathi uFesto kubo: “UPawulos uselugcinweni entolongweni eKhesariya. Ndibe nam ngokwam ndiza kuya khona kwakamsinyane.
5 Iinkokheli zenu ze zihambe nam ukuya eKhesariya, ziye kummangalela khona, ukuba ngaba kukho ityala alenzileyo.”
6 Akuba echithe malunga nesibhozo ukuya eshumini leentsuku phakathi kwabo uFesto, wabuyela eKhesariya. Ngengomso xa wayechophele amatyala, uthe makabizwe uPawulos.
7 Akufika ke uPawulos, amaJuda awayevela eJerusalem athi emngqongile ambeka izityholo ezinzima, kodwa zazingenabunyaniso xa zizonke.