10 Ndandisenza loo nto kanye eJerusalem. Ndandigunyaziswa ngababingeleli abaziintloko ukuba ndivalele entolongweni abantu bakaThixo abaninzi. Kwakusithi xa begwetyelwa ukufa, nam ndihambisane neso sigqibo.
11 Amaxesha ngamaxesha ndandisiya *ezindlwini zesikhungo, ndifike ndibohlwaye, ndisenzela ukuba bahlukane nokholo lwabo. Ngangengcwangu endandinayo ngakubo ndandide ndiye kubatshutshisa nakwezikude iidolophu.”
12 “Kwakungale njongo ke kanye ukuze ndiye eDamasko, ndinamagunya endawafumana kubabingeleli abaziintloko.
13 Endleleni apho, emini emaqanda, mhlekazi, ndabona ukukhanya okubengezela ngaphezu kokukhanya kwelanga, kuvela esibhakabhakeni, kundibengezelela ngeenxa zonke, naloo madoda ndandihamba nawo.
14 Xa sisonke sawa phantsi, ndaza ndeva ilizwi lithetha nam ngesiHebhere, lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni? Uyazenzakalisa ngezi nkani zakho!’
15 ‘Ungubani, Nkosi?’ ndabuza ndatsho. Yathi iNkosi: ‘Mna ndinguYesu, lo umtshutshisayo.
16 Vuka ume ngeenyawo. Ndibonakala kuwe ngesi sizathu sokuba ndikumisele ube sisicaka sam, ungqine kwabanye abantu ngokundibona kwakho namhlanje, nangezinto endisaza kukubonisa zona.