16 Vuka ume ngeenyawo. Ndibonakala kuwe ngesi sizathu sokuba ndikumisele ube sisicaka sam, ungqine kwabanye abantu ngokundibona kwakho namhlanje, nangezinto endisaza kukubonisa zona.
17 Ndikuhlangula kumaSirayeli nasezintlangeni; phofu ndikuthuma kwakuzo,
18 ukuba uvule amehlo azo, uziguqule ziphume ebumnyameni, zize ekukhanyeni, ziphume egunyeni likaSathana, zize kuThixo, ukuze zithi ngenxa yokuzinikela kum zixolelwe izono zazo, futhi zizuze indawo phakathi kwabantu bakaThixo abanyuliweyo.’ ”
19 “Ngoko ke, kumkani Agripa, ndawuthobela umbono lowo wawuvela ezulwini.
20 Ndaqala eDamasko ndaya eJerusalem, nakuwo wonke umhlaba wakwaJuda, nakweleentlanga, ndashumayela ukuba baguquke, beze kuThixo, benze izinto ezibonakalisayo ukuba baguqukile.
21 Sesi sizathu ke esabangela ukuba amaJuda andihlasele endlwini kaThixo, efuna ukundibulala.
22 Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo *abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis,