13 Kwavela umoyana ngasezantsi, aza amadoda acinga ukuba angalilinga iqhinga lawo. Bayitsalela enqanaweni iankile, baza ke bayiqhuba inqanawa begudle unxweme lwaseKrete.
14 Kodwa kwakamsinyane kwabakho umoyakazi ekuthiwa nguMntla-mpuma, uvela ngasesiqithini apho.
15 Wayintlitha inqanawa; kwathi kuba yayingenakuqhutywa ijonge ngqo emoyeni inqanawa, asabi salinga, sasuka sayiyeka yadudulwa ngumoya.
16 Safumana indawo esithileyo ukudlula kwethu emazantsi esiqithana iKhawuda. Salitsalela enqanaweni apho iphenyana kunzima.
17 Oomatiloshe balibophelela, baza bayiqamangela ngentsontela inqanawa. Babesoyika ukuba bangaxinga enyeleni yonxweme xa bedlula ngaseLibhiya. Bayithoba ke iseyile ukuze inqanawa ityhalwe ngumoya.
18 Lwavuthuza njalo uqhwithela, baza ngengomso baqala bawulahlela elwandle umthwalo.
19 Kwathi ngolwesithathu usuku bazilahla ngezandla zabo iimpahla zenqanawa.