39 “Kananjalo ookhokho bethu bala ukumthobela, bambukula, besithi kubhetele baphindele kwaseJiputa.
40 Kungoko bathi kuAron: ‘Senzele *oothixo bokusikhokela, kuba asiyazi into emngeneyo laa Mosis wasikhupha eJiputa.’
41 Kungeli thuba ke apho baziqingqela umfanekiso wethole, baza balenzela umbingelelo, benza netheko lokuzivuyisa ngenxa yaloo nto yayenziwe zizandla zabo.
42 Ngenxa yaloo nto uThixo wabafulathela, wabayeka ukuba banqule iinkwenkwezi zezulu, njengoko kubhaliweyo encwadini *yabashumayeli kwathiwa:“ ‘MaSirayeli, yayingendim enanimxhelela,nimenzela amadini,iminyaka emashumi mane entlango.
43 *Yayisisibingelo *sesithixo *uMoleki enanisiphethe,nomfanekiso wenkwenkwezi yesithixo *uRefani.Zizithixo enazenzayo, khon' ukuze nizinqule.Ngoku ke ndiya kunigxothela ngaphaya kweBhabheli.’
44 “Ookhokho bethu bona babenaso entlango *isibingelelo esingqina ubukho bukaThixo. Sasakhiwe ngokomfanekiselo lowo uThixo wawubonisa uMosis.
45 Emva koko ookhokho bethu abasamkelayo isibingelelo kooyise, bahamba naso, kwada kwaza kuthi gaa ngexesha likaYoshuwa, xeshikweni bawuthathayo umhlaba wezizwe abazigxothelwa nguThixo. Sahlala ke isibingelelo eso kwada kwayimihla kaDavide.