7 Kodwa mna ndiya kubagweba abo bantu siphantsi kwabo; kuze kuthi emva kwelo thuba, babuye kwelo lizwe, beze kundikhonza kule ndawo.’
8 Waza uThixo wamnika ulwaluko uAbraham ukutywina loo mnqophiso. UAbraham ke wamolùsa uIsake ngosuku lwesibhozo ezelwe, waza ngokukwanjalo uIsake wamolùsa uYakobi, noYakobi wenza kwaloo nto kookhokho abalishumi elinambini.
9 “Oobawo bammonela uJosefu, bamthengisa waba likhoboka eJiputa. Kodwa uThixo waba naye,
10 wamweza kuzo zonke iinkxwaleko awaba kuzo. Akusiwa phambi kokumkani waseJiputa, uThixo wamenza wathandeka uJosefu, wampha nobulumko. Ukumkani wammisela uJosefu wayirhuluneli yelaseJiputa nekomkhulu lakhe.
11 Kwabakho indlala enkulu kulo lonke elaseJiputa nelaseKanana, ababi nakufumana nokutya oku ookhokho, ikati ilele eziko.
12 Akuva uYakobi ukuba eJiputa kukho ukudla, wabathumela okokuqala oonyana bakhe; ngookhokho kuthi ke abo.
13 Kutyelelo lwabo lwesibini uJosefu wazazisa kubantakwabo, waza wamxelela ukumkani ngamawabo lawo.