21 UMosis waphendula wathi kuNdikhoyo: “Aba bantu ngamakhulu amathandathu amawaka xa ndibala amadoda anokuya emfazweni kuphela, ibe ke wena usithi uza kubanika inyama yenyanga yonke!
22 Khona sebexhelelwe imihlambi yeenkomo neegusha, uthi banganela? Okanye ke uthi banganela xa benikwe zonke iintlanzi eziselwandle?”
23 UNdikhoyo wabuza wathi: “Ucinga ukuba ikho into engaze indoyise? Nawe uza kuzibonela ukuba liwa phantsi na ilizwi lam!”
24 UMosis ke waya kumaSirayeli, wawaxelela oko kuthethwe nguNdikhoyo. Wathatha amashumi asixhenxe amadoda amakhulu, wawamisa angqonga isibingelelo.
25 UNdikhoyo ke wehla ngelifu, wafika wathetha naye. Iinkokheli ezo wazahlulela kuMoya owawukuMosis, zaza zathi ke zakuwufumana zadanduluka okwabashumayeli, nakuba zingaphindanga zenjenjalo.
26 Ezimbini kwezi nkokheli, uEldadi noMedade, zona zahlala ezindlwini zazo, azaya esibingelelweni. Kodwa uMoya wazifikela, zatsho zashumayela nazo.
27 Umfana othile wabaleka waya kuxelela uMosis ukuba uEldadi noMedade bayashumayela.