1 *UNdikhoyo wayalela uMosis
2 ukuba akhethe inkokheli ibe nye kwindlu nganye kwezo zilishumi elinambini, azithumele zibe ziintlola, ziye kuhlola ilizwe laseKanana awayelinika amaSirayeli.
3-15 UMosis wenza ngokwelo lizwi likaNdikhoyo, waza khona apho kwintlango yaseParan wazikhetha ngolu hlobo iinkokheli: Indlu Inkokheli KwaRubhen uShamuwa kaZakure KwaSimon uShafati kaHori KwaJuda uKalebhi kaJefune KwaIsakare uIgali kaJosefu KwaEfrayim uHosheya kaNune KwaBhenjamin uPalti kaRafu KwaZebhulon uGadiyeli kaSodi KwaManase uGadi kaSusi KwaDan uAmiyeli kaGemali Kwa-Ashere uSeture kaMikayeli KwaNafetali uNabhi kaVofesi KwaGadi uGeweli kaMaki
16 Ezi ke ziintlola ezathunyelwa nguMosis ukuba ziye kuhlola elaseKanana. Ke yena uHosheya, unyana kaNune, uMosis wamnika igama elinguYoshuwa.
17 Ke kaloku ukuzindulula kwakhe uMosis wathi: “Phumani ninyuke nilingene eMazantsi ilizwe laseKanana, nize niye kufikelela kweleentaba.
18 Maze nilijonge ukuba uluhlobo luni na umhlaba walo; bungakanani na ubuninzi babantu balo; ngaba ngamakroti okanye amagwala?