32 Bimbilili wabaginya ooDatan noAbhiram ndawonye nemizi yabo, ngokunjalo nabalandeli bakaKora nako konke ababenako.
33 Ngoko ke bangcwatywa behleli, baya kwelabafileyo ndawonye nako konke okwabo. Wabuya wavaleka ke umhlaba, banyamalala ke bona.
34 Onke ke amaSirayeli awayelapho acela kooxhongo akusiva isikhalo sabo. Akhwaza athi: “Kunyembelekile! Sabani, hleze nathi usiginye umhlaba!”
35 Kwaza ke kwaphuma umlilo uvela kuNdikhoyo, wawalenya atsha loo makhulu mabini anamashumi amahlanu amadoda awayesondeza isiqhumiso.
36 *UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi:
37 “Yithi kuElazare unyana wombingeleli uAron asuse imicephe yomlilo yobhedu kuthuthu lwalaa madoda atshileyo, aze wona amalahle akuyo awasarhaze, kuba imicephe leyo ingcwele.
38 Kaloku yaba ngcwele ukusondezwa kwayo kuNdikhoyo. Makayithathe imicephe leyo yaloo madoda afe ngenxa yesono sawo, aze ayikhande ibe ngamacwecwe amcaba, agqume ngayo iqonga lamadini. Loo nto yoba sisikhumbuzo kumaSirayeli.”