38 Kaloku yaba ngcwele ukusondezwa kwayo kuNdikhoyo. Makayithathe imicephe leyo yaloo madoda afe ngenxa yesono sawo, aze ayikhande ibe ngamacwecwe amcaba, agqume ngayo iqonga lamadini. Loo nto yoba sisikhumbuzo kumaSirayeli.”
39 Ngenene ke uElazare umbingeleli wayithatha imicephe leyo, yaza yakhandwa yangamacwecwe okugquma iqonga lamadini.
40 Esi ke yaba sisikhumbuzo kumaSirayeli, khon' ukuze angalibali ukuba akukho mntu uvumelekileyo ukuba aye kwiqonga lamadini, enze isiqhumiso phambi koNdikhoyo, engenguye owomlibo ka-Aron. Ngapha koko ke owenze into enjalo uya kutshatyalaliswa, axel' uKora nabantu bakhe. Yonke ke le nto yenziwa ngokomyalelo owathunyelwa nguNdikhoyo kuElazare ngoMosis.
41 Ngomhla olandelayo ke ibandla lakwaSirayeli liphela lakhalazela uMosis noAron lisithi: “Nina nibulele abantu *bakaNdikhoyo.”
42 Emva kokuba beqokelelene bagwayimbela uMosis noAron, bajika basingisa *ngasesibingelelweni, baza balibona ilifu lisigqumile ngequbuliso, ngokunjalo kwabonakala nobungangamsha bukaNdikhoyo.
43 UMosis noAron baya kuma phambi kwesibingelelo.
44 Ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: