11 “Nabani na ochukumise isidumbu woba *ugqwalisekile iintsuku ezisixhenxe.
12 Ngoko ke kofuneka azihlambulule ngamanzi entlambululo kusuku lwesithathu, ngokunjalo nangolwesixhenxe, ukuze abe uhlambulukile. Kambe ke ukuba akazihlambululanga kuzo zombini ezi ntsuku, olwesithathu nolwesixhenxe, akayi kuhlambuluka.
13 Ke yena ochukumise isidumbu waza akazihlambulula, ugqwalisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo. Umntu onjalo makasikwe kwaSirayeli; kaloku akatshizwanga ngamanzi entlambululo. Wohlala egqwalisekile.
14 “Nanku ummiselo ophathelele malunga nomntu ofele endlwini: nabani na olapho ngelo xesha, okanye ongenayo, uya kuba ugqwalisekile iintsuku zide zibe sixhenxe.
15 Ngokunjalo nayiphi na ingqayi okanye imbiza engacikwanga yogqwaliseka nayo.
16 Nomntu othe engaphandle phaya wachukumisa umntu ogetyengiweyo okanye ozifele nje, okanye ochukumise ithambo lomntu okanye ingcwaba, uya kugqwaliseka iintsuku ezisixhenxe.
17 “Xa kuhlanjululwa umntu onjalo ke, kofuneka kucatshulwe kuthuthu lwethokazi elibomvu, lona luhlambululayo, lufakwe embizeni, luxutywe namanzi angcwengileyo.