18 Wosuka ke umntu ohlambulukileyo athathe ihlamvu lehisopu, alithi nkxu apho emanzini, atshize indlu nako konke okukuyo, ngokunjalo nabantu ababelapho kuyo. Okanye umntu ohlambulukileyo uya kuthatha loo manzi atshize lowo uchukumise ogetyengiweyo, okanye ofileyo, mhlawumbi ochukumise ithambo noba lingcwaba.
19 Kusuku lwesithathu, ngokunjalo nakolwesixhenxe, loo mntu uhlambulukileyo uya kutshiza lowo ugqwalisekileyo. Ngosuku lwesixhenxe ke uya kuhlambuluka loo mntu, akuba ezihlambile iimpahla zakhe, naye ngokwakhe ehlambe umzimba. Matshona kwelanga ke woba uhlambulukile.
20 “Umntu ogqwalisekileyo, waza akazihlambulula, umelwe kukusikwa ebantwini, kuba unyelise isibingelelo sikaNdikhoyo. Kaloku akatshizwanga ngamanzi okuhlambulula; ngako oko uhlala egqwalisekile.
21 Lo mmiselo mawuthotyelwe nini nanini. Umntu otshiza ngamanzi okuhlambulula makazihlambe iimpahla zakhe. Kanti ke nabani na ochukumisa amanzi okuhlambulula, uhlala engahlambulukanga kude kuhlwe.
22 Nantoni na echukunyiswe ngumntu ogqwalisekileyo nayo iba njalo; futhi nabani na oyichukumisayo naye uhlala enjalo kude kuhlwe.”