1 Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo:
2 “Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.
3-9 “Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaJuda uNashon ka-Aminadabhi 74 600 AbakwaIsakare uNataniyeli kaZuware 54 400 AbakwaZebhulon uEliyabhi kaHelon 57 400 Bebonke: 186 400 AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.
10-16 “Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaRubhen uElizure kaShedeyure 46 500 AbakwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi 59 300 AbakwaGadi uEliyasafu kaDuweli 45 650 Bebonke: 151 450 AbakwaRubhen ke baya kulandela.
17 “Ke bona abakwaLevi baya kuhamba bephethe intente *yesibingelelo. Baya kuhamba phakathi embindini wezi zindlu xa zizonke. Onke amaqela aya kuhamba kwangalaa ndlela abemi ngayo, iqela ngalinye phantsi kwembasa yalo.
18-24 “Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaEfrayim uElishama ka-Amihudi 40 500 AbakwaManase uGamaliyeli kaPedazure 32 200 AbakwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni 35 400 Bebonke: 108 100 Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.