4 Ukumka kwawo kwintaba iHore amaSirayeli ahamba ngendlela esinga kuLwandle oluBomvu, khon' ukuze bawucezele umhlaba wamaEdom. Endleleni ke apho amaSirayeli akruquka,
5 aza amkhalazela uThixo ndawonye noMosis, athi: “Kwakutheni kakade ukuze usikhuphe eJiputa, sizokufela kule ntlango? Akukho kutya namanzi apha! Okokwayo ke yona le nkatshu-nkatshu isikruqule!”
6 Ke *uNdikhoyo wawathumela isibetho seenyoka ezinobuhlungu, zawaluma amaSirayeli, kwafa amaninzi.
7 AmaSirayeli ke athi akuqonda ukuba enze imposiso, aya kuMosis, avuma athi: “Sonile ngokukrokrela uNdikhoyo ndawonye nawe. Khawusitarhuzisele, uNdikhoyo azisuse ezi nyoka.” Ngoko ke uMosis wawathandazela amaSirayeli.
8 UNdikhoyo ke wathi kuMosis: “Yenza umfanekiso wenyoka, uwuxhome esibondeni, khon' ukuze athi nabani na olunywe yinyoka akhangele kuyo, aphile.”
9 Ngenene ke uMosis wayenza inyoka ngobhedu, wayixhoma esibondeni. Nabani na ke olunywe yinyoka wayekhangela apho kuloo nyoka yobhedu, atsho aphile.
10 AmaSirayeli ke anduluka, aya kumisa eObhoti.