29 Ezi zinto ke nozinika umbingeleli uElazare, zingumrhumo owodwa kaNdikhoyo.
30 Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.”
31 UMosis noElazare ke bazenza zonke ezi zinto ngokwelizwi likaNdikhoyo.
32 Nalu ke uludwe lwamaxhoba awathinjwa ngumkhosi xa ewonke: amakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anantlanu amawaka eegusha neebhokhwe;
33 amashumi asixhenxe anambini amawaka eenkomo;
34 amashumi amathandathu ananye amawaka eedonki;
35 namashumi amathathu anambini amawaka amantombazana kunye neentombi.