5 Ngoko ke kunganjani xa lo mhlaba unikwa thina, ube sisabelo sethu, sime apha kuwo, singabi sayiwela iJordan? Siyakubongoza.”
6 UMosis waphendula wathi: “Ngaba ke nina nifuna ukuhlala apha nisonge izandla xa wona amawenu esiya emfazweni?
7 Ningathini kaloku ukusuka niwatyhafise ngolo hlobo amaSirayeli, xa wona ewela iJordan, esiya kuthatha umhlaba awuphiwe nguNdikhoyo?
8 Ooyihlo benza kwale nto ngokuya ndandibathuma siseKadeshe-bhaneya ukuba beze kuhlola lo mhlaba.
9 Bahamba baya kuma ngentili ye-Eshkoli, bawubona lo mhlaba, kodwa bathi bakubuya bawatyhafisa amaSirayeli, khon' ukuze angezi kweli lizwe aliphiweyo nguNdikhoyo.
10 Ke yena uNdikhoyo wakhathazeka, waza wafunga wathi:
11 ‘Ngenxa yokuba bengakholosanga ngam, kula madoda akwiminyaka emashumi mabini nangaphezulu aphuma eJiputa akukho nanye iya kungena kwelo lizwe ndabathembisa ngalo ooAbraham, uIsake, noYakobi.’